Kodwa phezu konke awakwenza, akazange onwabe aneliseke. Yayikho Ie nto angade ayifumane ebomini. Ndandinazo izinto eziyimfuneko ebomini - umsebenzi, indlu - kodwa umphefumlo wam wawudakumbile ungenakuzola. Into endingayichaza njengokulamba ngokwasemoyeni. Ndachitha ubomi bam ndifuna Ioo nto. Ndazihlalela ndizibuza ukuba ndingalivala ngantoni eli kroba? ukhumbula atsho.
Ngaminazana ithile, uEtheldredah weva intshumayelo eyabuguqula ubomi bakhe. Umshumayeli wayeshumayela ngamabhinqa anokholo - amabhinqa afumana ubizo lokuba ngabafundi bakaKrestu. Umshumayeli wayesithi nabasetyhini kulindelwe ukuba bazalisekise iimbopheleleko zabo ezingokwasemoyeni, kuba sonke kuKrestu siyalingana.
Oku kwandichukumisa. UThixo undithandile, kodwa ndenze ntoni ukumbulela? Ndaqalisa ngoko ukucinga okuthile okunenjongo - okuthile okuza kundonwabisa emoyeni - ngako ndithi Ndiyabulela Thixo!
UEtheldredah wabhalisa kwisikolo sobufundisi eAll Africa School of Theology. Xa engaphangelanga, ubexakeka zincwadi de wapasa wathanjiswa njengomfundisi. Kodwa nkqu ngoko, wayesanxanelwe imfundo. Phambi kokuba ndithabathe isidanga sedoctorate kubufundisi, ndandifuna ukupasa imatrik. Ndabuyela ezincwadini, de ndayipasa, utshilo echwayitile.
Ude wasifumana eso sidanga sedoctorate ngoku uMfundisi uMthembu ukhonza ePresbyterian Church of Africa ngaphantsi kukaMfundisi uDr S.A. Khumalo.
Naku okuthethwa nguMfundisi oMkhulu waseRhabe ukhumalo malunga nokuzimisela kwakhe emsebenzini. Uzimisele kakhulu, kangangokuba ngoku ungumfundisi kuluntu kuba usebenza kakuhle noluntu. lCawa immise ukuba ashumayele, angcwabe, enze neminye imisebenzi yobufundisi.
Ngoku kuba ubomi bakhe ebunikele ekukhonzeni iNkosi, uMfundisi uMthembu uthi uziva engenasikrokro. Ndiziva ndiseluxolweni, ndanelisekile kwaye ndonwabile ebomini, nto leyo endandingenayo ngaphambili, utshilo enochulumanco. 



UMHLELI weBona uDaizer Mqhaba eseThekwini uvakele enemincili xa ebefowunela uWillie. WiIlie, ndifowunelwe ngamaPolisa aseBotshabelo eBloemfontein. Athi alifumene iwele elilahlekileyo obubhale ngalo! UWillie uye wee khwasu kwisihlalo ahleli kuso. Eli wele
lilahlekileyo nelifunwayo nguveronique Adams waseEldorado Park nelavela kwiBONA kaJulayi. UVeronisha oliwele lakhe nonina uEunice Adam bacenge abafundi beBONA babafunise uveronique. Eli wele labiwa linenekazi elathi liqeshiwe phambi nje kokuba la mawele abhiyozele umhla wawo wokuzalwa eminyakeni elithoba edlulileyo.
lngekapheli neveki le ushicilelo IweBONA kaJulayi luthengiswa,
uthile waxelela ipolisa eBloemfontein ngenqaku elikwiBONA waza walatha intwazana eneminyaka elithoba kuloo mmandla ifana neli wele libiweyo. Amapolisa aqalisa ukufanisa aza abona ukuba le ntwazana iyafana ncam naleyo ikwiBONA, arhiwula umama wale ntwazana ongakrokreli nto amncina aza agqiba ngokumvalela! Umntwana
wakhe wagcinwa, wakhathalelwa lipolisa nosapho lwalo. Akuba enjenjalo aqhagamshelana neBONA.
Ndandicinga ukuba ayayazi into athetha ngayo. Lo mfo owandifowunela ngumanqanqa wepolisa eIingumhloIi. Uthe mandithumele intatheli, ize nabazali beli wele kunye nelinye iwele zisuka nje kuba abanakulivalela umlibe eli nenekazi likrokrelwayo, utshilo uMhleli weBONA uDaizer Mqhaba. Zisuka nje uMhleli wawunika uBokala lomsebenzi. liyure nje
ezimbini uBokala wangena endleleni ephelekwa ngumfoti uLucky Nxumalo, uEunice Adams, uyise wewele uBoikie noVeronisha. Bakufika apho baya kwisikhululo samapolisa eBotshabelo, baxelelwa ukuba sekuhlwile nale ntwazana seyilele. Ngengomso baxelelwa lelinye ipolisa elingumhloli ukuba uphando luphelile nokuba eli wele lilahlekileyo lifunyenwe. UBokala esityebisela uthe:
Bakusibonisa le ntwazana ndaqonda zisuka nje ukuba ayifani tu noVeronisha. lnde, intsundu neenwele zayo zimfutshane, ziphothekile, ingayelele tu kuVeronisha. Abakwa-Adams bakhawuleza bakukhaba oku. Ndakhawuleza ndakubona ukuphoxeka kubuso babo. Amathemba abo akhawuleza anyamalala. Kudimazeko lwabo yongeza nomnqweno ebebenawo kolu hambo lude noluyindinisa besiya eBloemfontein.
BONA XHOSA - September 1997 33

Phezu koku, kukubanjwa obekungafuneki kwenenekazi elimsulwa. Ngamany amazwi ndizibuza ngobunjani bomsebenzi waba bacuphi. Emva kokuba olu sizana lwenenekazi luchithe iintsuku eziseleni bafumanisa ukuba Iamnikwa ngokusemthethweni lo mntwana ngenxa yoonontlalo-ntle abangenelela kuselithuba. Kundiphathe kakubi oku. utshilo uBokala ebonakala enomsindo.
Zisuka nje emva koku uBokala uye eMerika, engumntu okhathazekileyo. Malunga noDaizer Mqhaba, uye wahleka xa ekhumbula okwathethwa ngumphandi weli tyala esithi:
Ntate, nyhani nyhani siqinisekile ukuba Iilo, ipolisa lamqinisekisa njalo uMqhaba.
Okweeminyaka bendilipolisa. Endithetha ngako ndiyakwazi!
UMqhaba uthe akulifowunela emva kwale mpazamo, eli polisa lathi: Yee, Ntate... uyazi iindlebe zayo zifana ncam, ngasemva nangaphambili ulilo ehleli. Bendiqinisekile ukuba lilo!'' Okwangoku usapho
lwakwaAdams lubone omnye umntwana phaya eBotswana ongathi nguveronique. Ngaba nguye?

UNksk Eunice Adams ekunye noVeronisha.
Uphando ngoveronique lusaqhubeka.

34 BONA XHOSA - September 1997


ENGADINYAZWA kukuba eneHiV, uMercy Makhalemele akalibazisanga ekufundiseni, ekululekeni nasekunikeni inkxaso kwabo baneHlV neAids. Njengenenekazi elisebenza kwaNAPWA (National Association of People Living with HIV and Aids), uMercy ubona ukuba iminqweno yamabhinqa aneHlV ngoku inokumelwa.
Kwiinyanga ezintandathu ezidlulileyo uMercy usuke eGauteng weza KwazuluNatal njengomlungelelanise WeNAPWA.
Omnye wemiba uMercy angathanda ukuba ithiwe thaca kwiSebe leMpilo ngumbandela wenkathalo ezibhedlele. Kuba beneHlV, abantu abaninzi abamkelwa ezibhedlele xa begula, utshilo uMercy.
UMercy nyakenye ukhe wasokoliswa sisibhedlele saseGauteng ukuze kunyangwe usana lwakhe oluneminyaka emi-2-1\2 oluneHlV kuba Iwaluhlaselwe yinyumoniya. Olu sana Iwasweleka ekugqibeleni.
Ukungafihli kuyakhuthazwa kuba kukho inkolo yokuba oku kuya kuthintela ukusasazeka kweHIV, utshilo uMercy. Kodwa abo kuthi abaye badiza ngemeko abakuyo bakhe bazibuze ukuba bekufanele kusini na. Ewe, uluntu Iusenalo ucalucalulo.
Ndikhe ndibone abantu begxothwa ziintsapho zabo kuba nje beneHlV.
Amanani amvanje abonisa ukuba umntu omnye kwabane Kwazulu Natal usesichengeni sokuhlaselwa yiHIV; phofu ke abantu abaninzi basazikhohlisa ngokuthi ngekhe kwenzeke kum. UMercy unethemba Iokuba INAPWA iza kutshintsha iimbono zolutsha. lnkoliso yamaphulo ethu okucacisa ngeAids ajoliswe kulutsha, utshilo uMercy.
Ulutsha kufuneka luqonde ukuba xa Iuneendibano zesondo ezingakhuselekile kwimizuzwana nje embalwa, lunokosulelwa ngeHIV, ulumkise watsho uMercy.
Phambi kokuba uMercy ahlaselwe sesi sifo ubeneminyaka esibhozo etshatile. Kuba ebethembekile emtshatweni wakhe nokuba indoda yakhe isweleke ngenxa yeAids kumkhanyisele ukuba intsholongwane
yeAids uyichole kwindoda yakhe.
Kuba ndandisithi nditshatile, kwaye ndikhuselekile, andizange ndilumke. Ndakufunda ukuba ndineHlV ndakhathazeka. Ukuba ngoko ndandingakhulelwanga ngendazibulala, udize oko
uMercy.
Kodwa ke ndanikwa ithemba ngumfo owayeneHlV kunyaka weshumi enesi sifo nowathi noko unokuphila xa iHIV inyangiwe, uncume watsho uMercy.
UMercy utshate waza wanabantwana ababini omnye kubo usweleke kunyaka odlulileyo ngenxa yokosulelwa yiHlV. UThabanga unyana wakhe oyinkulu noneminyaka esibhozo nongenaHlV, uthandwa gqitha nguMercy ukanti uyayazi imeko kaMercy.

UMercy Makalemele ungumzala kaBasetsana Makalemele obefudula enguMiss South Africa, unobuntu, unomtsalane, udlamklle, ukrelekrele kwaye uphile qete. Sekumalunga neminyaka emine ngoku uMercy eqonda ukuba uneHlV.



